Izhibhalo Ezingcwele, UMika, Chapitre 1. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10894&pid=35&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UMika

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYona UMika UNahum

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7

1 Ilizwi likaYehova elafika kuMika waseMoreshete, ngemihla kaYotam, ka-Ahazi, kaHezekiya, ookumkani bakwaYuda, awalibonayo ngokusingisele kwelakwaSamari neYerusalem.

2 Yivani nonke, zizwe niphela; bazani indlebe, hlabathi nenzaliseko yalo; mayibe lingqina iNkosi uYehova ngani, iNkosi etempileni yayo engcwele.

3 Kuba nanko uYehova ephuma endaweni yakhe, eya kuhla, anyathele phezu kwemimango yehlabathi.

4 Ziya kunyibilika iintaba phantsi kwakhe, zicandeke izihlambo, njengomthwebeba phambi komlilo, njengamanzi ephalazwe exandekeni.

5 Konke oko kungesikreqo sakwaYakobi, kungesono sendlu kaSirayeli. Ngubani na obange isikreqo sakwaYakobi? AsingowakwaSamari na? Ngubani na obange iziganga zakwaYuda? AsingowaseYerusalem na?

6 Ngoko ke ndolenza elakwaSamari libe yimfumba yamatye esisimi, libe ziindawo zokutyala imidiliya; ndiwaphose amatye alo emfuleni, ndizityhile iziseko zalo.

7 Iya kuqotywa yonke imifanekiso yalo eqingqiweyo, lutshiswe ngomlilo lonke utsheqo lwalo, ndizichithe zonke izithixo zalo; ngokuba lizibuthe ngotsheqo lwehenyukazi, ziya kubuya ke zibe lutsheqo lwehenyukazi.

8 Ngoko ke ndiya kumbambazela, ndibhomboloze; ndiya kuhamba ndihlunyulwe, ndishiywe ndize; ndiya kukhala njengempungutye, ndilile njengenciniba.

9 Kuba amanxeba alo akanakunyangwa; ngokuba kude kwafika nakwaYuda, kwada kwafika esangweni labantu bam eYerusalem.

10 Musani ukukuxela eGati, musani ukulila nokulila; eBhetele-afra ndizigalele ngothuli.

11 Dlulani, bemi baseShafire, nihambe ze ngokulihlazo; abemi baseTsanan abaphumanga: umbambazelo lwaseBhete-etsele lunihlutha ukuma kwenu kuyo.

12 Kuba abemi baseMaroti bazibhijabhija ngenxa yokulungileyo; kuba kuhle ububi buphuma kuYehova, beza esangweni leYerusalem.

13 Bophani iimbaleki ezinqwelweni zokulwa, bemi baseLakishe; ibikukuqala kwesono entombini enguZiyon, ukuthi zifunyanwe kuyo izikreqo zakwaSirayeli.

14 Ngako oko uya kuyinika iMoreshete yaseGati inqakwe; izindlu zaseAkezibhi ziya kuba ngumlambo okhohlisayo kookumkani bakwaSirayeli.

15 Ndisaya kuyizisa indlalifa kuni, bemi baseMaresha; baya kufika eAdulam abazukileyo bakwaSirayeli. Chebani, niziguye iintloko, ngenxa yoonyana beziyolo zenu;

16 kwenzeni banzi ukucheba kwenu, njengexhalanga; kuba bathinjiwe kuwe.

<< Prev Top Next → >>