Izhibhalo Ezingcwele, UHezekile, Chapitre 48. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10850&pid=28&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UHezekile

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

IziLilo UHezekile UDaniyeli

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48

1 Ngawo la amagama ezizwe ezo, ethabathela ekupheleni ngentla, ehamba ecaleni kwendlela yaseHetelon, ukuya eHamati, naseHatsare-enon, umda waseDamasko, ngasentla ecaleni laseHamati, libe lelakhe icala lasempumalanga nelasentshonalanga: uDan woba necandelo elinye.

2 Ngasemdeni ke kaDan, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uAshere, libe linye.

3 Ngasemdeni ke ka-Ashere, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uNafetali, libe linye.

4 Ngasemdeni kaNafetali, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uManase, libe linye.

5 Ngasemdeni kaManase, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uEfrayim, libe linye.

6 Ngasemdeni kaEfrayim, kuthabathele ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uRubhen, libe linye.

7 Ngasemdeni kaRubhen, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uYuda, libe linye.

8 Ngasemdeni kaYuda, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga, yoba ngumrhumo eniya kuwurhuma; ube ngamawaka angamashumi amabini anamahlanu eengcongolo ububanzi, ubude ke bube njengobesinye isahlulo, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kude kuye ecaleni lasentshonalanga; ingcwele isesazulwini sawo.

9 Umrhumo eniya kuwurhumela uYehova woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamawaka alishumi ububanzi.

10 Woba ngowaba umrhumo ongcwele: ngowababingeleli; ngasentla ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ngasentshonalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasempumalanga ube lishumi lamawaka ububanzi, ngasezantsi ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude; ingcwele kaYehova yoba sesazulwini sawo.

11 Ababingeleli abangcwalisiweyo koonyana bakaTsadoki, abasigcinayo isigxina sam, abangandwendwanga ekundwendweni koonyana bakaSirayeli, njengoko bandwendwayo abaLevi,

12 woba ngowabo umrhumo emrhumeni welizwe; uyingcwele kangcwele ngasemdeni wabakaLevi.

13 Ke abaLevi bozuza isahlulo esinxulumene nomda wababingeleli, sibe ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, sibe lishumi lamawaka ububanzi; bonke ubude bube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka, nobubanzi bube lishumi lamawaka.

14 Ke abayi kuthengisa ngento yaso, bangananisi ugayo, bangayidluliseli kwabanye intlahlela yelo zwe; ngokuba ingcwele kuYehova.

15 Ke amawaka amahlanu aseleyo ebubanzini, kumawaka angamashumi amabini anamahlanu, akangcwele; ngawomzi, ngawendawo yokuma neyephandle. Umzi woba sesazulwini sawo.

16 Yiyo le imilinganiso: icala langasentla loba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala langasezantsi libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala lasempumalanga libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, icala lasentshonalanga libe ngamawaka amane anamakhulu amahlanu.

17 Iphandle lomzi ngasentla loba ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasezantsi libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasempumalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu, ngasentshonalanga libe ngamakhulu amabini anamashumi amahlanu.

18 Okuseleyo ebudeni obunxulumene nomrhumo ongcwele, koba ngamawaka alishumi ngasempumalanga, kube ngamawaka alishumi ngasentshonalanga; onxulumana nomrhumo ongcwele; ungeniselo lwawo lube kukudla kwabasebenzi bawo umzi.

19 Abasebenzi abo ke bomzi bowalima, bengabasezizweni zonke zakwaSirayeli.

20 Umrhumo wonke woba ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ubude, ube ngamashumi amabini anamahlanu amawaka ububanzi; isahlulo sesine somrhumo ongcwele nosirhumela ukuba sibe sesomzi lowo.

21 Indawo eseleyo yoba yeyesikhulu, ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakwinzuzo yomzi; ngaphambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu omrhumo, ide iye emdeni wasempumalanga, nangasentshonalanga phambi kwamawaka angamashumi amabini anamahlanu, ngasemdeni wentshonalanga, inxulumene nezinye izahlulo, yoba yeyesikhulu; umrhumo ongcwele nengcwele yayo indlu yoba sesazulwini sayo.

22 Kuthabathela ke enzuzweni yabaLevi, kuthabathela enzuzweni yomzi, esazulwini senzuzo yesikhulu, phakathi komda kaYuda nomda kaBhenjamin, koba kokwesikhulu.

23 Eziseleyo ke izizwe: kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uBhenjamin woba necandelo elinye.

24 Ngasemdeni ke kaBhenjamin, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uSimon, libe linye.

25 Ngasemdeni ke kaSimon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uIsakare, libe linye.

26 Ngasemdeni ke kaIsakare, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uZebhulon, libe linye.

27 Ngasemdeni ke kaZebhulon, kuthabathela ecaleni lasempumalanga, kuse ecaleni lasentshonalanga: uGadi, libe linye.

28 Ngasemdeni ke kaGadi, ngasecaleni lasezantsi, ngasezantsi, umda wothabathela kwaTamare, use emanzini embambano aseKadeshe, ukhweze umlambo, use kulo ulwandle olukhulu.

29 Lilo elo ilizwe eniya kulabela izizwe zakwaSirayeli ngamaqashiso, ngokwamafa. Zizo ezo izahlulo zalo, itsho iNkosi uYehova.

30 Zizo ezi iziphelo zamacala omzi: ngecala langasentla ngamawaka amane anamakhulu amahlanu, umlinganiso ngengcongolo;

31 amasango omzi oba ngokwamagama ezizwe zakwaSirayeli, ibe ngamasango amathathu ngasentla: ibe lisango likaRubhen elinye, ibe lisango likaYuda elinye, ibe lisango likaLevi elinye.

32 Ngecala lasempumalanga yoba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu eengcongolo; amasango ke mathathu: ibe lisango likaYosefu elinye, ibe lisango likaBhenjamin elinye, ibe lisango likaDan elinye.

33 Ngecala langasezantsi, umlinganiso yoba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu; amasango ke mathathu: ibe lisango likaSimon elinye, ibe lisango likaIsakare elinye, ibe lisango likaZebhulon elinye.

34 Ngecala lasentshonalanga yoba ngamawaka amane anamakhulu amahlanu; amasango ke awo mathathu: ibe lisango likaGadi elinye, ibe lisango lika-Ashere elinye, ibe lisango likaNafetali elinye.

35 Ukujikeleza ke lishumi elinesibhozo lamawaka eengcongolo. Igama lawo umzi kothiwa kususela kuloo mini, nguYehova-ekhona.

<< ← Prev Top Next >>