Izhibhalo Ezingcwele, IiNdumiso, Chapitre 59. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10537&pid=21&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / IiNdumiso

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UYobhi IiNdumiso ImiZekeliso

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50 51 52 53 54 55 56 57 58 59 60 61 62 63 64 65 66 67 68 69 70 71 72 73 74 75 76 77 78 79 80 81 82 83 84 85 86 87 88 89 90 91 92 93 94 95 96 97 98 99 100 101 102 103 104 105 106 107 108 109 110 111 112 113 114 115 116 117 118 119 120 121 122 123 124 125 126 127 128 129 130 131 132 133 134 135 136 137 138 139 140 141 142 143 144 145 146 147 148 149 150

1 Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu: ekuthumeleni kukaSawule, bayilinda indlu ukuba bambulale. Ndihlangule ezintshabeni zam, Thixo wam, Ndise engxondeni kwabasukela phezulu kum.

2 Ndihlangule kubasebenzi bobutshinga; Ndisindise ebantwini abanamagazi.

3 Ngokuba nabo bewulalela umphefumlo wam; Baqukana ngam abanamandla, Kungekho lukreqo kum, kungekho sono kum, Yehova.

4 Ndingenabugwenxa nje, bagidime baxhoba. Vuka, undikhawulele, ubone.

5 Wena Yehova, Thixo wemikhosi, Thixo kaSirayeli, Phapha, uzivelele zonke iintlanga; Musa ukubayeka bonke abanginizayo bengabagqithi. (Phakamisani.)

6 Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.

7 Nabo belephuza amagwebu ngomlomo; Ngamakrele emlonyeni wabo; Ngokuba bathi, Kuva bani na?

8 Wena, Yehova, uyabahleka, Uyazigculela zonke iintlanga.

9 Mandla am, ndiva kulindela kuwe; Ngokuba uThixo uyingxonde yam.

10 UThixo wam uya kundikhawulela ngenceba yakhe; UThixo uya kundibonisa abandilaleleyo.

11 Musa ukubabulala, hleze balibale abantu bakowethu; Babhadulise ngamandla akho, ubawise, Ngweletshetshe yethu, Nkosi yethu.

12 Isono somlomo wabo lilizwi lemilebe yomlomo wabo; Mababanjiswe likratshi labo, Nangenxa yokushwabula nokuhanahanisa abakuthethayo.

13 Bagqibe ngobushushu; gqiba, bangabi sabakho; Baqonde ukuba uThixo ngumlawuli kwaYakobi, Wesa eziphelweni zehlabathi. (Phakamisani.)

14 Bayabuya ngokuhlwa, bayavungama njengezinja, Bawuhamba-hambe umzi.

15 Bona babhadulela ukudla; Ukuba bathe abahlutha, balala apho.

16 Ke mna, ndiya kuvuma ngamandla akho, Ndimemelele kwakusasa ngenceba yakho, Kuba ubuyingxonde kum, Nendawo endisabela kuyo ngemini yokubandezelwa kwam.

17 Mandla am, ndiya kukubethela uhadi; Ngokuba uThixo yingxonde yam, nguThixo wam onenceba.

<< ← Prev Top Next → >>