1 Wasusela uBhiledadi wakwaShuwa, wathi,
2 Ulawulo nonkwantyiso lunaye; Wenza uxolo ezindaweni zakhe eziphezulu.
3 Inokubalwa na imikhosi yakhe? Ngubani na ongaphunyelwayo kukukhanya kwakhe?
4 Angathini na umntu ukuba lilungisa kuThixo? Angathini na ukuba ngoqaqambileyo ozelwe ngumfazi?
5 Yabona, nenyanga ayimhlophe, Neenkwenkwezi aziqaqambile, emehlweni akhe.
6 Ubeke phi na ke umntu, impethu le, Nonyana ka-Adam, umbungu lo? |