Izhibhalo Ezingcwele, UEstere, Chapitre 5. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10431&pid=19&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UEstere

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UNehemiya UEstere UYobhi

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10

1 Kwathi ngomhla wesithathu, uEstere wambatha ezobukumkanikazi, wema entendelezweni engaphakathi yendlu yokumkani, malungana nendlu yokumkani. Waye ukumkani ehleli etroneni yobukumkani bakhe endlwini yobukumkani, malunga nomnyango wendlu.

2 Kwathi, ukumkani akumbona uEstere ukumkanikazi emi entendelezweni, wambabala; ukumkani wayolulela kuEstere intonga yegolide ebisesandleni sakhe. Wasondela ke uEstere, waphatha encamini yentonga leyo.

3 Wathi ukumkani kuye, Unandawoni na, kumkanikazi Estere? Ufuna ntoni na? woyinikwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.

4 Wathi uEstere, Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makeze ukumkani noHaman namhla esidlweni endimenzele sona.

5 Wathi ukumkani, Mngxamiseni uHaman, ukuba enze ngokwelizwi likaEstere. Weza ukumkani noHaman esidlweni abesenzile uEstere.

6 Wathi ukumkani kuEstere esidlweni sewayini, Ucela ntoni na? woyinikwa; ufuna ntoni na? woyenzelwa kude kube sesiqingatheni sobukumkani.

7 Waphendula uEstere, wathi, Kuko oku ukucela kwam nokuthandaza kwam:

8 ukuba ndithe ndababalwa ngukumkani, ukuba kuthe kwalunga kukumkani ukundinika endikucelayo, nokundenzela ukuthandaza kwam, makeze ukumkani noHaman esidlweni, endiya kubenzela sona, ndenze ngomso ngokwelizwi lokumkani.

9 Waphuma uHaman ngaloo mini evuya, enentliziyo echwayithileyo. Ke uthe uHaman, akumbona uMordekayi esangweni lokumkani, engavuki, engashukumi phambi kwakhe, uHaman wazala ngumsindo ngoMordekayi.

10 Ke uHaman wazibamba, waya endlwini yakhe; wathumela wabiza izithandane zakhe, noZereshe umkakhe.

11 UHaman wababalisela ubuqaqawuli bobutyebi bakhe, nobuninzi boonyana bakhe, nako konke ukwenziwa mkhulu kwakhe ngukumkani, nokuphakanyiswa kwakhe phezu kwabathetheli babakhonzi bokumkani.

12 Wathi uHaman, Ngaphezu koko, uEstere ukumkanikazi akangenisanga bani nokumkani esidlweni abesenzile, yaba ndim ndedwa; kananjalo ngomso undimemele kuye nokumkani.

13 Ukanti konke oko akundanelisi, wonke ugama endimbonayo uMordekayi umYuda esahleli esangweni lokumkani.

14 Wathi uZereshe umkakhe nezithandane zakhe zonke kuye, Mabenze umthi ube ziikubhite ezimashumi mahlanu ubude bawo, uthethe kusasa kukumkani, bamxhome uMordekayi kuwo; uye ke nokumkani esidlweni uvuya. Lalunga elo lizwi kuHaman; wawenza umthi lowo.

<< ← Prev Top Next → >>