Izhibhalo Ezingcwele, UNehemiya, Chapitre 7. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10420&pid=18&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UNehemiya

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

UEzra UNehemiya UEstere

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13

1 Ke kaloku kwathi, lwakwakhiwa udonga, ndazifaka iingcango; bamiswa abamasango, nabavumi, nabaLevi, ukuba bagcine umsebenzi wabo.

2 Ndamwisela umthetho uHanani umzalwana wam, noHananiya umphathi wenqaba, ngeYerusalem; ngokuba ebeyindoda enyanisekileyo, emoyikayo uThixo ngaphezu kwabaninzi.

3 Ndathi kubo, Amasango aseYerusalem makangavulwa, lide lifudumale ilanga; bathi, besemi belinda, bazivale iingcango, bazitshixe; nimise abagcini abangabemi baseYerusalem, elowo abe selugcinweni lwakhe, elowo abe phambi kwendlu yakhe.

4 Umzi ububanzi ngeenxa zombini, umkhulu; abantu bembalwa phakathi kwawo, kungakhiwanga zindlu.

5 UThixo wam wangenisa entliziyweni yam, ukuba ndibabuthe abanumzana, nabaphathi, nabantu, ukuba ndibabhalele emilibeni yokuzalwa. Ndafumana incwadi yemilibo yokuzalwa kwabo babenyuke ekuqaleni; ndafumana kubhaliwe khona kwathiwa:

6 Ngabo aba oonyana belizwe lakwaYuda, abanyukayo kwabathinjiweyo basemfudusweni, awayebafudusile uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo,

7 abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana. Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:

8 oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.

9 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.

10 Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini.

11 Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, anashumi linye linesibhozo.

12 Oonyana bakaElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane.

13 Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asibhozo, anamanci mane anabahlanu.

14 Oonyana bakaZakayi ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu.

15 Oonyana bakaBhinwi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mane anesibhozo.

16 Oonyana bakaBhebhayi ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anesibhozo.

17 Oonyana baka-Azegadi ibingamawaka amabini, anamakhulu mathathu, anamanci mabini anababini.

18 Oonyana baka-Adonikam ibingamakhulu amathandathu, anamanci mathandathu anesixhenxe.

19 Oonyana bakaBhigevayi ibingamawaka amabini, anamanci mathandathu anesixhenxe.

20 Oonyana baka-Adin ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anabahlanu.

21 Oonyana baka-Atere kaHezekiya ibingamashumi asithoba anesibhozo.

22 Oonyana bakaHashum ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anesibhozo.

23 Oonyana bakaBhetsayi ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini anabane.

24 Oonyana bakaHarifi ibilikhulu, elinashumi linye linababini.

25 Oonyana baseGibheyon ibingamashumi asithoba anabahlanu.

26 Amadoda aseBhetelehem naseNetofa ibilikhulu, elinamanci asibhozo anesibhozo.

27 Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.

28 Amadoda aseBhete-azemavete ibingamashumi amane anamabini.

29 Amadoda aseKiriyati-yeharim, neKefira, neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mane anamathathu.

30 Amadoda aseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini ananye.

31 Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.

32 Amadoda aseBheteli neAyi ibilikhulu, elinamanci mabini anamathathu.

33 Amadoda enye iNebho ibingamashumi amahlanu anamabini.

34 Oonyana bomnye uElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabane.

35 Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.

36 Oonyana baseYeriko ibingamakhulu amathathu, anamanci mane anabahlanu.

37 Oonyana baseLodi neHadidi neOno ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mabini anamnye.

38 Oonyana baseSenaha ibingamawaka amathathu, anamakhulu asithoba, anamanci mathathu.

39 Ababingeleli: oonyana bakaYedaya, bendlu kaYeshuwa, ibingamakhulu asithoba, anamanci asixhenxe anabathathu.

40 Oonyana bakaImere ibiliwaka, elinamanci mahlanu anababini.

41 Oonyana bakaPashure ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mane anesixhenxe.

42 Oonyana bakaHarim ibiliwaka elinashumi linye linesixhenxe.

43 AbaLevi: oonyana bakaYeshuwa noKademiyeli, koonyana bakaHodeva, ibingamashumi asixhenxe anabane.

44 Iimvumi: oonyana baka-Asafu ibilikhulu, elinamanci mane anesibhozo.

45 Abamasango: oonyana bakaShalum, oonyana baka-Atere, oonyana bakaTalemon, oonyana baka-Akubhi, oonyana bakaHatita, oonyana bakaShobhayi, ibilikhulu, elinamanci mathathu anesibhozo.

46 Abakhonzi betempile: oonyana bakaTsiha, oonyana bakaHasufa, oonyana bakaTabhahoti,

47 oonyana bakaKerosi, oonyana bakaSiha, oonyana bakaPadon,

48 oonyana bakaLebhana, oonyana bakaHagabha, oonyana bakaSalemayi,

49 oonyana bakaHanan, oonyana bakaGidele, oonyana bakaGahare,

50 oonyana bakaRehaya, oonyana bakaRetsin, oonyana bakaNekoda,

51 oonyana bakaGazam, oonyana bakaUza, oonyana bakaPaseha,

52 oonyana bakaBhetsayi, oonyana bakaMehunim, oonyana bakaNefishesim,

53 oonyana bakaBhakebhuki, oonyana bakaHakufa, oonyana bakaHarehure,

54 oonyana bakaBhatseliti, oonyana bakaMehida, oonyana bakaHarsha,

55 oonyana bakaBharkosi, oonyana bakaSisera, oonyana bakaTama,

56 oonyana bakaNetsiha, oonyana bakaHatifa.

57 Oonyana babakhonzi bakaSolomon: oonyana bakaSotayi, oonyana bakaSoferete, oonyana bakaPerida,

58 oonyana bakaYahala, oonyana bakaDarkon, oonyana bakaGidele,

59 oonyana bakaShefatiya, oonyana bakaHatili, oonyana bakaPokerete-tsebhayim, oonyana baka-Amon.

60 Bonke abakhonzi betempile, noonyana babakhonzi bakaSolomon, ibingamakhulu amathathu, anamanci asithoba anababini.

61 Ngabo aba abenyuka bevela eTele-mela, naseTele-harsha, naseKerubhi-adoni-mere; ke ababanga nakuzixela izindlu zooyise nomnombo wabo, ukuba ngabakwaSirayeli na:

62 oonyana bakaDelaya, oonyana bakaTobhiya, oonyana bakaNekoda, babengamakhulu omathandathu, anamanci mane anababini.

63 Ke kubabingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotse, oonyana bakaBharzilayi, owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo:

64 abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwayo emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.

65 Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.

66 Lonke ibandla lindawonye ibe ingamawaka angamashumi amane anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;

67 zizodwa izicaka zabo ezi nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini, anamanci mane anantlanu.

68 Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mane anabahlanu;

69 iinkamela ibingamakhulu amane, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.

70 Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela emsebenzini. Irhuluneli yanikela ebuncwaneni igolide eliwaka leedarike, namashumi amahlanu ezitya zokutshiza, namashumi amathathu eengubo zangaphantsi zababingeleli, nesilivere engamawaka amalulanu eemina.

71 Inxenye yeentloko zezindlu zooyise yanikela ebuncwaneni bomsebenzi igolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, anamakhulu amabini eemina.

72 Okwanikwayo ngabanye abantu ibe iyigolide engamawaka amashumi amabini eedarike, nesilivere engamawaka amabini, namashumi amathandathu anesixhenxe eengubo zangaphantsi zababingeleli.

73 Bahlala ke ababingeleli, nabaLevi, nabamasango, neemvumi, nenxenye yabantu, nabakhonzi betempile, namaSirayeli onke emizini yakomawabo. Ithe yakufika inyanga yesixhenxe, baba oonyana bakaSirayeli besemizini yakomawabo.

<< ← Prev Top Next → >>