Izhibhalo Ezingcwele, 1 YeziKronike, Chapitre 5. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10343&pid=15&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / 1 YeziKronike

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

2 YooKumkani 1 YeziKronike 2 YeziKronike

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29

1 Oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli (ngokuba ibinguye owamazibulo; ke ngokuwuhlambela kwakhe umandlalo kayise, ubuzibulo bakhe banikwa oonyana bakaYosefu unyana kaSirayeli, akaba nakubhalwa emilibeni yokuzalwa ukuba ngowamazibulo;

2 ngokuba uYuda waba ligorha phakathi kwabazalwana bakhe, yaphuma kuye inganga; ke bona ubuzibulo bebubobukaYosefu):

3 oonyana bakaRubhen, amazibulo kaSirayeli, nguEnoki, noFalu, nguHetseron, noKarmi.

4 Oonyana bakaYoweli nguShemaya unyana wakhe, nguGogi unyana wakhe, nguShimehi unyana wakhe,

5 nguMika unyana wakhe, nguRehaya unyana wakhe, nguBhahali unyana wakhe,

6 nguBhehera unyana wakhe, owafuduswa nguTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya; nguye obesisikhulu samaRubhen.

7 Abazalwana bakhe, elowo ngokwemizalwane yakhe, ekubhalweni emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo: iintloko ibingooYehiyeli noZekariya,

8 noBhela unyana ka-Azazi, unyana kaShema, unyana kaYoweli, obehleli eArohere, wesa eNebho naseBhahali-mehon.

9 Wahlala ngasempumalanga, wesa entlango ethabathela emlanjeni ongumEfrati; ngokuba imfuyo yabo yayandile ezweni laseGiliyadi.

10 Ngemihla kaSawule benza imfazwe namaHagari; awela esandleni sabo. Bahlala ezintenteni zawo, ngecala lasempumalanga lonke laseGiliyadi.

11 Ke kaloku oonyana bakaGadi bahlala malungana nabo ezweni laseBhashan, besa eSaleka;

12 nguYoweli intloko, noShafam onganeno, noYanayi, noShafati eBhashan.

13 Nabazalwana babo bendlu yooyise ngooMikayeli, noMeshulam, noShebha, noYorayi, noYakan, noZiya, noEbhere; basixhenxe abo.

14 Ngabo aba oonyana baka-Abhihayili, unyana kaHuri, unyana kaYarowa, unyana kaGiliyadi, unyana kaMikayeli, unyana kaYeshishayi, unyana kaYado, unyana kaBhuzi:

15 uAhi unyana ka-Abhediyeli, unyana kaGuni, intloko yendlu yooyise.

16 Bahlala eGiliyadi naseBhashan, nasemagxamesini ayo, nasemadlelweni onke aseSharon, kwesa ekupheleni kwawo.

17 Bonke abo babhalwa emilibeni yokuzalwa ngemihla kaYotam ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli.

18 Oonyana bakaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, kumakroti, amadoda anokuphatha ingweletshetshe nekrele, nokugoba isaphetha, afundiswe ukulwa, ngamashumi amane anesine amawaka, anamakhulu asixhenxe, anamanci amathandathu, abephuma umkhosi.

19 Benza imfazwe namaHagari, noYeture, noNafishe, noNodabhi.

20 Bancediswa kuwo, amaHagari anikelwa esandleni sabo, nabo bonke abebenawo. Ngokuba balila kuThixo ekulweni, wathandazeka ngabo; ngokuba babekholose ngaye.

21 Bayithimba imfuyo yawo, iinkamela zawo amashumi omahlanu amawaka, nempahla emfutshane amakhulu omabini anamanci mahlanu amawaka, namaesile amawaka amabini, abantu belikhulu lamawaka.

22 Ngokuba kwawa babaninzi ababuleweyo; ngokuba yayiphuma kuThixo imfazwe leyo. Bahlala ezikhundleni zabo, bada bathinjwa.

23 Ke kaloku oonyana besiqingatha sesizwe sakwaManase bahlala kwelo zwe; bathabathela eBhashan, besa eBhahali-hermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon, ukuba baninzi kwabo.

24 Zizo ezi iintloko zezindlu zooyise: noEfere, noIshi, noEliyeli, noAzeriyeli, noYeremiya, noHodaviya, noYadiyeli, amadoda angamagorha anobukroti, amadoda anegama, iintloko zezindlu zooyise.

25 Bameneza kuThixo wooyise, bahenyuza ngokulandela oothixo bezizwe zelo zwe, awazitshabalalisayo uThixo phambi kwabo.

26 UThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli, ukumkani waseAsiriya, nomoya kaTigelate-pilenezere, ukumkani waseAsiriya, wawafudusa amaRubhen, namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase, wabasa eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni oyiGozan, unanamhla.

<< ← Prev Top Next → >>