Izhibhalo Ezingcwele, UYoshuwa, Chapitre 17. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10204&pid=8&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / UYoshuwa

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Duteronomi UYoshuwa AbaGwebi

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24

1 Saba neqashiso naso isizwe sakwaManase; ngokuba ngowamazibulo kuYosefu. Laba noMakire, owamazibulo kuManase, laba noyise kaGiliyadi; laba naye elaseGiliyadi nelaseBhashan,

2 kuba ebeyindoda yokulwa; laba nabanye oonyana bakaManase ngokwemizalwane yabo; laba noonyana baka-Abhihezere, noonyana bakaHeleki, noonyana baka-Aseriyeli, noonyana bakaShekem, noonyana bakaHefere, noonyana bakaShemida; ngabo abo abantwana abangamadoda bakaManase, unyana kaYosefu, ngokwemizalwane yabo.

3 Ke uTselofehade, unyana kaHefere, unyana kaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase, ebengenanyana; ebeneentombi zodwa. Ngawo la amagama eentombi zakhe: uMala, noNoha, noHogela, neMilka, noTirtsa.

4 Zasondela phambi koElazare umbingeleli, naphambi koYoshuwa unyana kaNun, naphambi kwezikhulu, zathi, UYehova wamwisela umthetho uMoses, ukuba asinike ilifa phakathi kwabazalwana bethu. Wazinika ke ngokomlomo kaYehova ilifa phakathi kwabazalwana bakayise.

5 Zaba lishumi ke izabelo kuManase, ngaphandle kwelizwe laseGiliyadi, neBhashan ephesheya kweYordan;

6 ngokuba iintombi zikaManase zabelwa ilifa phakathi koonyana bakhe; lathi nelizwe laseGiliyadi laba lelabanye oonyana bakaManase.

7 Umda kaManase wathabathela kwa-Ashere, waya eMikemetati ephambi kowakwaShekem; wahamba umda ngasekunene, waya kubemi base-En-tapuwa.

8 UManase waba nelizwe laseTapuwa; ke iTapuwa, ngasemdeni wakwaManase, yaba yeyonyana bakaEfrayim.

9 Wehla umda waya eMlanjaneni weeNgcongolo, ezantsi komlanjana. Le mizi ilunge kuEfrayim yaba phakathi kwemizi kaManase: nommandla wakwaManase wawungasentla komlanjana; ukuma kwawo waya wema ngolwandle.

10 Ngasezantsi laba lelikaEfrayim, ngasentla laba lelikaManase; ulwandle lwaba ngumda wakhe. Baqubisana noAshere ngasentla, baqubisana noIsakare ngasempumalanga.

11 KwaIsakare nakwa-Ashere uManase waba neBhete-shehan namagxamesi ayo, neIbleyam namagxamesi ayo, nabemi baseDore namagxamesi ayo, nabemi base-Endore namagxamesi ayo, nabemi baseTahanaki namagxamesi ayo, nabemi baseMegido namagxamesi ayo, ummandla onduli zintathu.

12 Babengenako oonyana bakaManase akuyihlutha loo mizi; amaKanan akuphikela ukuma lwelo zwe.

13 Kwathi, bakomelela oonyana bakaSirayeli, bawafaka uviko amaKanan, abawagqogqa kuphele.

14 Bathetha oonyana bakaYosefu noYoshuwa, besithi, Yini na ukuba usinike ilifa laqashiso linye, nasabelo sinye, singabantu abaninzi nje, esisikelele nje uYehova kangakanana unangoku?

15 Wathi uYoshuwa kubo, Ukuba ningabantu abaninzi, nyukani niye emahlathini, nizihlahlele ezweni lamaPerizi nelamaRafa, xa kuxineneyo kuni ezintabeni zakwaEfrayim.

16 Bathi oonyana bakaYosefu, Ilizwe eli leentaba alisilingene; ke ziinqwelo zesinyithi kumaKanan onke amiyo ezweni lamathafa aseBhete-shehan namagxamesi ayo, kwanasemathafeni aseYizereli.

17 Wathi uYoshuwa kwindlu kaYosefu, kuEfrayim nakuManase, Ningabantu abaninzi, ninamandla amakhulu; aliyi kuba linye iqashiso lenu;

18 kuba eleentaba liya kuba lelenu, ngokuba lingamahlathi. Nowa hlahla, iinyele zawo zibe zezenu; kuba niya kuwagqogqa amaKanan, nakuba eneenqwelo zesinyithi, nakuba omelele.

<< ← Prev Top Next → >>