Izhibhalo Ezingcwele, Genesis, Chapitre 36. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10036&pid=3&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Genesis

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50

1 Yiyo le ke inzala kaEsawu, onguEdom.

2 UEsawu wabazeka abafazi bakhe ezintombini zakwaKanan: uAda, intombi kaElon umHeti, oAholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon umHivi;

3 wazeka noBhasemati, intombi kaIshmayeli, udade boNebhayoti.

4 UAda wamzalela uEsawu uElifazi: uBhasemati wazala uRehuweli.

5 UAholibhama wazala uYehushe, noYalam, noKora. Ngabo abo oonyana bakaEsawu, awabazalelwayo ezweni lakwaKanan.

6 UEsawu wabathabatha abafazi bakhe, noonyana bakhe, neentombi zakhe, nabendlu yakhe yonke, nemfuyo yakhe, namaqegu akhe onke, nengqwebo yakhe yonke abeyiqebile ezweni lakwaKanan, waya kwelinye ilizwe, emka ngenxa kaYakobi umninawa wakhe.

7 Kuba ingqwebo yabo ibininzi, ukuze bangabi nakuhlala ndawonye; nelizwe lokuphambukela kwabo libe lingenakubathwala, ngenxa yemfuyo yabo.

8 Wahlala uEsawu entabeni yakwaSehire. UEsawu ke lowo nguEdom.

9 Yiyo le ke inzala kaEsawu, uyise wamaEdom, entabeni yakwaSehire.

10 Ngawo la ke amagama oonyana bakaEsawu: nguElifazi, unyana ka-Ada, umkaEsawu; nguRehuweli, unyana kaBhasemati, umkaEsawu.

11 Oonyana bakaElifazi nguTeman, no-Omare, noTsefo, noGatam, noKenazi.

12 UTimna ebelishweshwe likaElifazi, unyana kaEsawu, wamzalela uElifazi uAmaleki;

13 ngabo abo oonyana baka-Ada, umkaEsawu. Ngabo aba oonyana bakaRehuweli: uNahati, noZera, noShama, noMiza. Ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.

14 Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, intombi ka-Ana, intombi kaTsibheyon, umkaEsawu: wamzalela uEsawu uYehushe, noYalam, noKora.

15 Zizo ezi izikhulu zoonyana bakaEsawu: oonyana bakaElifazi, owamazibulo kuEsawu, sisikhulu esinguTeman, isikhulu esingeOmare, isikhulu esinguTsefo, isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguKora, isikhulu esinguGatam, isikhulu esinguAmaleki.

16 Zizo ezo izikhulu zakwaElifazi ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana baka-Ada.

17 Ngabo aba oonyana bakaRehuweli, unyana kaEsawu: sisikhulu esinguNahati, isikhulu esinguZera, isikhulu esinguShama, isikhulu esinguMiza; zizo ezo izikhulu zakwaRehuweli ezweni lakwaEdom; ngabo abo oonyana bakaBhasemati, umkaEsawu.

18 Ngabo aba oonyana baka-Aholibhama, umkaEsawu: sisikhulu esinguYehushe, isikhulu esinguYalam, isikhulu esinguKora; zizo ezo izikhulu zakwa-Aholibhama, intombi ka-Ana, umkaEsawu.

19 Ngabo abo oonyana bakaEsawu, zizo ezo izikhulu; nguEdom ke lowo.

20 Ngabo abo oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali,

21 noTsibheyon, oAna, noDishon noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.

22 Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.

23 Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.

24 Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.

25 Ngabo aba oonyana baka-Ana: NguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.

26 Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.

27 Ngabo aba oonyana bakaEtsere:

28 nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.

29 Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna, isikhulu esinguDishon,

30 isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.

31 Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:

32 uBhela, unyana kaBhehore, walawula kwaEdom; igama lomzi wakhe yiDinabha.

33 Wafa uBhela, wathi uYobhabhi, unyana kaZera waseBhotsera, walawula esikhundleni sakhe.

34 Wafa uYobhabhi, wathi uHusham, wasezweni lamaTeman, walawula esikhundleni sakhe.

35 Wafa uHusham, wathi uHadadi, unyana kaBhedadi, owawatshabalalisayo amaMidiyan emhlabeni wamaMowabhi, walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiAviti.

36 Wafa uHadadi, wathi uSamla waseMasereka walawula esikhundleni sakhe.

37 Wafa uSamla, wathi uSawule, waseRehobhoti yoMlambo, walawula esikhundleni sakhe.

38 Wafa uSawule, wathi uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, walawula esikhundleni sakhe.

39 Wafa uBhahali-hanan, unyana ka-Akebhore, wathi uHadare walawula esikhundleni sakhe; igama lomzi wakhe yiPawu; igama lomkakhe nguMehetabheli, intombi kaMatrede, intombi kaMezahabhi.

40 Ngawo la amagama ezikhulu zakwaEsawu ngokwezizwe zazo, ngokweendawo zazo, ngamagama azo: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAleva, isikhulu esinguYetete,

41 isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,

42 isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,

43 isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom, ngokwamakhaya azo, ezweni lokuma kwazo. NguEsawu ke lowo uyise wamaEdom.

<< ← Prev Top Next → >>