Izhibhalo Ezingcwele, Genesis, Chapitre 17. is available here: https://www.bible.promo/chapters.php?id=10017&pid=3&tid=1&bid=65
Holy Bible project logo icon
FREE OFF-line Bible for Android Get Bible on Google Play QR Code Android Bible

Holy Bible
for Android

is a powerful Bible Reader which has possibility to download different versions of Bible to your Android device.

Bible Verses
for Android

Bible verses includes the best bible quotes in more than 35 languages

Pear Bible KJV
for Android

is an amazing mobile version of King James Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible BBE
for Android

is an amazing mobile version of Bible in Basic English that will help you to read this excellent book in any place you want.

Pear Bible ASV
for Android

is an amazing mobile version of American Standard Version Bible that will help you to read this excellent book in any place you want.

BIBLE VERSIONS / Izhibhalo Ezingcwele / izeZetestanente Endala / Genesis

Izhibhalo Ezingcwele - Xhosa Bible, H. Dugmore, 1859

Genesis Eksodus

Chapitre 1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31 32 33 34 35 36 37 38 39 40 41 42 43 44 45 46 47 48 49 50

1 Kwathi, uAbram akuba minyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, uYehova wabonakala kuAbram, wathi kuye, NdinguThixo uSomandla; hamba phambi kwam ube ngogqibeleleyo.

2 Ndiya kuwubeka umnqophiso wam phakathi kwam nawe, ndikwandise kakhulu kunene.

3 Wawa uAbram ngobuso bakhe.

4 UThixo wathetha naye, esithi, Mna, yabona, umnqophiso wam unawe; uya kuba nguyise wengxokolo yeentlanga.

5 Kananjalo akusayi kuthiwa igama lakho nguAbram; igama lakho liya kuba nguAbraham, ngokuba ndikwenze uyise wengxokolo yeentlanga;

6 ndiya kukuqha misa kakhulu kunene, ndikwenze iintlanga, kuphume ookumkani kuwe;

7 ndiwumise umnqophiso wam phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo, ube ngumnqophiso ongunaphakade, wokuba ndibe nguThixo kuwe, nakwimbewu yakho emva kwakho;

8 ndilinike wena nembewu yakho emva kwakho ilizwe lokuphambukela kwakho, lonke ilizwe eli lakwaKanan, ukuba libe yinto yenu ngonaphakade, ndibe nguThixo wabo.

9 Wathi uThixo kuAbraham, Wena ke, umnqophiso wam wowugcina, nembewu yakho emva kwakho kwizizukulwana zabo.

10 Nguwo lo umnqophiso wam eniya kuwugcina phakathi kwam nani, nembewu yakho emva kwakho: wokuba yonke into eyindoda kuni yaluswe; naluswe inyama yokwaluswa;

11 oko kube ngumqondiso womnqophiso ophakathi kwam nani.

12 Unyana omihla isibhozo makaluswe kuni, yonke into eyindoda kwizizukulwana zenu, ezelwe endlwini, nezuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, ongengowembewu yakho yena.

13 Makaluswe ozelwe endlwini yakho, nozuzwe ngemali yakho; umnqophiso wam enyameni yenu uya kuba ngumnqophiso ongunaphakade.

14 Into eyindoda engalukileyo, enyama yokwaluswa ingaluswanga, loo mphefumlo mawunqanyulwe, ungabikho ebantwini bakowawo; uwaphule umnqophiso wam.

15 Wathi uThixo kuAbraham, USarayi umkakho akuyi kumbiza ngegama lokuba nguSarayi; igama lakhe loba nguSara.

16 Ndiya kumsikelela; kananjalo ndikunike unyana ngaye, ndimsikelele, abe ziintlanga, kuphume ookumkani bezizwe kuye.

17 UAbraham wawa ngobuso bakhe, wahleka, wathi entliziyweni yakhe, Azi umntu ominyaka ilikhulu wozalelwa na? Azi uSara, intokazi eminyaka imashumi asithoba, angazala na?

18 Wathi uAbraham kuThixo, Wanga uIshmayeli angadla ubomi phambi kwakho!

19 Wathi uThixo, Ewe, uSara umkakho uya kukuzalela unyana, umbize ngegama lokuba nguIsake; ndiwumise umnqophiso wam naye, ube ngumnqophiso ongunaphakade kwimbewu yakhe emva kwakhe.

20 Ngokusingisele kuIshmayeli ndikuvile; uyabona, ndimsikelele, ndimqhamisile, ndimandisile kakhulu kunene. Uya kuzala izikhulu ezilishumi elinazibini, ndimenze uhlanga olukhulu.

21 Umnqophiso wam wona ndowumisa noIsake, oya kumzalelwa nguSara ngeli xesha nyakenye.

22 Wagqiba ukuthetha naye. Wenyuka uThixo esuka kuAbraham.

23 UAbraham wamthabatha uIshmayeli unyana wakhe, nabo bonke abazalelwe endlwini yakhe, nabo bonke abazuzwe ngemali yakhe, yonke into eyindoda phakathi kwabantu bendlu ka-Abraham, wayalusa inyama yokwaluswa kwangaloo mini, njengoko abethethile uThixo kuye.

24 UAbraham ebeminyaka imashumi asithoba anesithoba ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.

25 UIshmayeli, unyana wakhe, ebeminyaka ilishumi elinamithathu ezelwe, ukwaluswa kwenyama yokwaluswa.

26 Kwangaloo mini waluswa uAbraham, noIshmayeli unyana wakhe.

27 Nawo onke amadoda endlu yakhe, azalelwe endlwini yakhe, nazuzwe ngemali kubani wolunye uhlanga, aluswa kunye naye.

<< ← Prev Top Next → >>